Umthetho utshintshile – Ungakwazi ngoku ukufaka ibango.
Ukusukela ngomhla we-7 Februwari 2014, iMimiselo yeZokwakha emiselwe ngaphantsi koMthetho i-Occupational Health and Safety Act (uMthetho) yatshintsha ngokubhekiselele kubasebenzi abakwiziza zokwakha.
Abasebenzi abakwisiza kufuneka banikwe izibonelelo ezaneleyo ukuze bakwazi ukwenza umsebenzi wabo ngokukhuselekileyo nangaphandle komonzakalo kwiimpilo zabo ngokwemimiselo yoMthetho.
Ulwazi olubonisa nabuphi na ubungozi obukhoyo kwindawo yokusebenza kufuneka bonke abasebenzi balunikwe. Oku kuquka iingcebiso malunga nabo nabuphi na ubungozi obaziwayo ngaphambi kwakunye nangexesha lomsebenzi wabo. Olu lwazi luyafumaneka kwifayile yezeMpilo noKhuseleko yakwipropati neyimfuno efanelekileyo ngokwemimiselo yoMthetho.
UMthetho uqinisekisa ukuba, xa ngaba abasebenzi bezokwakha/ulungiso lwezinto baye bonzakala kwisiza uMnikazi, uMphathi wePropati kunye nabanye abantu bangabekwa ityala elijongiswe kubo ukuba ngaba basilele ukuthobela imimiselo yoMthetho. Oku kusebenza ngokubhekiselele kuzo zonke izakhiwo ngaphandle kweepropati eziyindawo yokuhlala ezinomgangatho omnye nezingaqeshiswanga.